Monday, February 12, 2007

Intsomi

Kwahlala kwahlala, kwangantsomi.

Kwakukho intombazana, lentombazana yatshata yatshatela, kulo mazala. Lentombazana yahlala emzini yaphathwa kakubi nguMalumekazi, engafuni ukuba inikwe imali yindoda yayo. Yahlala emzini wayo lentombazana isokola.

Waye engafumani bantwana endodeni yakhe umakoti lowo. Waphunyelwa sisisu sakhe sokuqala, akazange aphinde akhulelwe iminyaka elithoba ehlala nendoda yakhe. Umalumekazi wayengafuni bakhe umzi wabo, kuba waye funa imali yendoda kamakoti.

Bahlala bengena mzi behlupheka, yasuka yamlahla umakoti yayohlala nomnye umfazi, yathi lo akazali. Yaba buhlungu intliziyo kamakoti, wahamba waya kuzisebenzela. Akazange ahlale minyaka mingaphi, wafumana umntwana oyinkwenkwe, waphinda wafuman inkwenkwe, waphinda wafumana intombazana, baba thathu abantwana bakamakoti. Bakhula abantwana bakamakoti bamsebenzela.

Kwaphela phela ngantsomi.

Name: Nomthandazo Nyameka

Date: 01 August 2006

1 comment:

Mohamed Ali said...

$$$ GENUINE LOAN WITH LOW INTEREST RATE APPLY $$$
Do you need finance to start up your own business or expand your business, Do you need funds to pay off your debt? We give out loan to interested individuals and company's who are seeking loan with good faith. Are you seriously in need of an urgent loan contact us.

Email: shadiraaliuloancompany1@gmail.com
Phone No: +919873186890.